Kuzakubanjwa ulonyulo lovalozikhewu kwa Ward 29 eMbhashe

IEC
Gatyana – Kuzakube kubanjwe ulonyulo lo valo zikhewu kwa Ward 29 phantsi ko Masipala wase Mbhashe ngomso umhla we 8 August 2018. Ngokwengxelo esiyifumene kwimithombo ethembekileyo abahlali bale ward amehlo wabo athe ntsho kwi nkokheli zamaqela amane nekubonakala ukuba ngawo atshotshentla kula mmandla.
Abalandeli be EFF amathemba wabo bawaxhome ku Kholiwe Mapundu-Dyomfana, abe PAC bajonge impumelelo ku Nomandla Tshandana, abathandi be ANC bathembele ku Pilile Mayiji ze abaxhasi be UDM amathemba wabo abe ku Nothando Manqatha.
Xa besithetha nomnye womama abadala abahlala kule ward uthe izicwangcwiso zokuba bavotiswe ezindlini zabo sele zenziwe kwakunye naye. Isithuba sika ceba apha kule ward savela emva kokuba uceba walapha wayewasweleka emva kwe ngulo engentle kuyaphi.
U Ward 29 uquka uthotho lwe lali apha kule dolophu yaku Gatyana ezifana noMhlanga, Nqabarha, Ngwane, Mthokwane, Fubesi, Mpume, Ntubeni, Ngqeza, Nondobo nezinye.
Kulonyulo luka 2016 abavoti babephume kangango 61.83% ze le ward yaphunyelelwa ngu mbutho we ANC. Inkcukacha nge ngolonyulo – valo zikhewu
Advertisements

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out /  Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s

Powered by WordPress.com.

Up ↑

%d bloggers like this: